AmaXhosa

Xhosa-children.JPG

AmaXhosa ( isiNgesi: Xhosa people) — AmaXhosa ngabantu abathanda amasiko abo kakhulu. AmaXhosa akholelwa kuQamatha,uThixo wamaXhosa. Zikho zininzi iintlanga eziyeleleneyo esixhoseni ezifana namaMpondo,amahlubi.

isiXhosa lulwimi oludala olwaluthethwa mandulo phaya kwindawo ezithile eTranskei kwakunye nase Ciskei. Xa kungoku ke ezo ndawo zaye zadityaniswa zakhupha le nto kuthiwa yi Mpuma-koloni. AmaXhosa ngabantu abawathanda kakhulu amasiko ndibala ulwaluko, intonjane, isiko longeno kwakunye namazila. Uyakubabona beqabe imbola bemhlophe begaxele benxibe imibhaco kuxhentswe kube yiloo nto uqonde heyi! akumandanga pha konwatyiwe. Nanga amantombazana etsho ngaloo mabele nawe tyhini! abile abaleke amanzi kanti ayangqungqa. Mhle umXhosa tyhini! ndiyakuxelela. Ubokhe umamelisise unkosi sikelela iAfrika uve nje esasiqingatha sesixhosa umamele laa ntsholo itsho phaa uqonde tsii ndiyazingca ngobuXhosa bam. uthi xa sewumamele amakhwenkwe etshila, exhentsa, etyityimba mfondini! evuyela enye yawo xa isiya ebudodeni uqonde ukuba utyiwa yimincili nawe uphakame ungqiyaze kwedini! Intle into engumXhosa, nob'incinci nob'indala intle iyafana makwedini.

Other Languages
Afrikaans: Xhosas
العربية: كوسيون
беларуская: Коса
български: Кхоса
brezhoneg: Xhosa (pobl)
català: Xoses
čeština: Xhosové
Cymraeg: Xhosa (pobl)
dansk: Xhosa
Deutsch: Xhosa (Volk)
Ελληνικά: Κόσα
English: Xhosa people
Esperanto: Kosoj
español: Xhosa
euskara: Xhosa
suomi: Xhosat
français: Xhosa (peuple)
galego: Pobo xosa
hrvatski: Xhosa
italiano: Xhosa
日本語: コサ人
한국어: 코사족
лакку: Коса
latviešu: Kosi
кырык мары: Косавлӓ
Nederlands: Xhosa (volk)
norsk nynorsk: Xhosaer
norsk: Xhosa
polski: Xhosa
português: Xhosa
русский: Коса (народ)
Scots: Xhosa fowk
srpskohrvatski / српскохрватски: Xhosa
Simple English: Xhosa people
svenska: Xhosa (folk)
Kiswahili: Waxhosa
українська: Коса (народ)
中文: 科沙人